Ndahlukile.(A.W. Sinika) Poem by Axolile Sinika

Ndahlukile.(A.W. Sinika)

Ndambona ehamba endleleni yakhe,
Enyathele umhlaba ngentembelo engashukunyiswayo.
Mna ndandisathe gabalala phakathi kwamathandabuzo,
Ndizama ukufumana indawo yam phantsi kwelanga.

Ndema phezu kocingo lwencinga,
Ndixhonywe phakathi koloyiko nenthemba.
Njengesidalwa esinqabileyo,
Ndandisokola ukukhusela ubukho bam.

Ndakhe ndacinga ukulinganisa,
Ndikhuphisane endleleni yabanye;
Kodwa ndakhawuleza ndabona
Ukuba loo mbono wawungenantsingiselo.

Kuba ingqondo yam yayiinqaba yayo,
Izimvo zam zingafani nezabanye.
Ndadalelwa ukuhamba indlela yam,
Hayi ukulandela umkhondo womnye umntu.

Ukukhula kwam kwaba sisifundo,
Ukuzazi kwam kwaba bubutyebi.
Ibali lam lathunga umsonto walo,
Lahluka phakathi kwezinye zonke.

Nangona iimvakalelo zanditsalela emva,
Ndakhangela phambili kwikamva elingekabhalwa.
Ndafunda ukuba amaphupha amakhulu
Afuna intliziyo engoyikiyo.

Ndithe ndakuphulukana nokholo ngamanye amaxesha,
Ithemba lona alizange lindishiye.
Amathuba ayesoloko evulekile,
Njengesibhakabhaka esingenamda.

Amandla am avuselelwa sisikhokelo,
Amazwi obulumko aba ngamafutha empumelelo.
Ngoko ke ndazimisela,
Ndakrola eyam indlela ematyeni obomi.

Andisakhuphisani namnye umntu ngoku,
Kuba ndiyazi ukuba uloyiso lwam
Alukokufana nomnye umntu,
Koko kukuba ngoyena mna ndinokuba nguye.

POET'S NOTES ABOUT THE POEM
Xhosa poem about self discovery
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Close
Error Success